Leviticus 24:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Mosesi wateta elusatsheni luka‐Sirayeli, ukuba malumkupe umtuki lowo ngapandle kwomnquba, lumgibisele ngamatye. Lwati usapo luka‐Sirayeli lwenza njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathetha uMoses koonyana bakaSirayeli; bamkhuphela phandle kweminquba lowo utshabhisileyo, bamxuluba ngamatye. Benza oonyana bakaSirayeli njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses koonyana bakaSirayeli, basikhuphele isiqalekiso ngaphandle kweminquba, bamxulube ngamatye. Benza oonyana bakaSirayeli njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuba enjenjalo ke uMosis, amaSirayeli amkhuphela ngaphandle komzi umnyelisi lowo, amxuluba ngamatye wada wafa. Enjenjalo ke amaSirayeli ethobela uNdikhoyo ngokomlomo kaMosis.