Leviticus 25:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naniya kuwenza ngcwele lomnyaka wamashumi mahlanu, nishumayele inkululeko elizweni kubo bonke abemi balo: woba ngumnyaka womgcobo kuni wona; naniya kubuya nonke ngabanye niye emafeni enu, niti kanjalo nibuye nonke ngabanye niye kwizizalwane zenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
umnyaka niwungcwalise, umnyaka wamashumi omahlanu, nivakalise inkululeko ezweni kubemi balo bonke. Woba ngowentlokoma kuni, nibuvele elowo emizalwaneni yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nawungcwalisa umnyaka wamashumi omahlanu, navakalisa inkululeko ezweni lonke kubo bonke abemi balo; woba ngumnyaka wentlokoma kuni; nize nibuyele ngamnye elifeni lakhe, ngamnye kwintsapho yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Niya kuwahlula ngale ndlela ke unyaka wamashumi amahlanu, nivakalise inkululeko kulo lonke ilizwe kubo bonke abemi. Ngalo nyaka umntu ngamnye makabuyele kumhlaba wakowabo nakubantu bakowabo.