Leviticus 25:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
njengobuninzi beminyaka uya kwandisa ixabiso layo, nanjengobuncinane beminyaka uya kuncipisa ixabiso layo; ngokuba kungenani leminyaka yokuvelisa atengisayo kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokobuninzi beminyaka wolandisa ixabiso layo, nangokobuncinane beminyaka wolinciphisa ixabiso layo; ngokuba ethengisa kuwe ngenani longeniselo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Linyuse ixabiso layo ngokwenani leminyaka, nilihlise ixabiso layo ngokwenani leminyaka; kuba uthenga ngenani leminyaka yeziqhamo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa iminyaka eseleyo isemininzi, ixabiso kufuneka linyuke; kodwa ukuba imbalwa, kufuneka lihle ixabiso lawo. Kaloku eyona nto kuthengiswa yona linani lesivuno esinokuphuma kuloo mhlaba.