Leviticus 25:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Teta nosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Xeshekweni nise nifikile kulomhlaba endinipa wona, uya kupumla umhlaba lowo isabata kuyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nafika kulo ilizwe endininika lona, ilizwe elo ke lophumla isabatha kuYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nafika kulo ilizwe endininika lona, ilizwe maligcine isabatha, ukumzukisa uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ukuba makanike amaSirayeli le mimiselo, athi: “Xa senifikile kwelo lizwe nilinikwa nguNdikhoyo, nomhlaba ngokwawo mawube nethuba lokuphumla ukuhlonela uNdikhoyo.