Leviticus 25:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba isandla sake asinakufumana okwaneleyo ukuba akubuyisele kuye, kwohlala okutengisiweyo nguye esandleni salowo okutengileyo, kude kube ngumnyaka womgcobo; koko ngo mnyaka womgcobo kuya kupuma, ati yena abuyele emfuyweni yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba isandla sakhe asinakufumana okulingene ukubuyisela kuye loo nto wathengisa ngayo, yohlala esandleni salowo uyithengileyo, kude kube ngumnyaka wentlokoma. Yophuma ngowentlokoma, abuyele elifeni lakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba akanako ukuyibuyisela kuye, loo nto ithengiswe ngayo yohlala esandleni salowo uyithengileyo, kude kube ngumnyaka wentlokoma; yophuma ngomnyaka wentlokoma, abuyele elifeni lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa engenamali ngokwaneleyo yokuwukhulula, uba ngowalaa mntu wayewuthengile kude kube ngunyaka wobuyiselo. Kufuneka ke ubuyiselwe kumniniwo ngaloo nyaka, aphinde aye kuhlala kuwo.