Leviticus 25:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni kukululwe ngowaba‐Levi, kuya kupuma indlu ebitengisiwe, nesixeko semfuyo yake, ngo mnyaka womgcobo: ngokuba izindlu zezixeko zaba‐Levi ziyimfuyo yabo pakati kwalo usapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ethe yathengwa kubaLevi, indlu ekuthengiswe ngayo emzini welifa lakhe, yophuma ngomnyaka wentlokoma; ngokuba izindlu zemizi yabaLevi zililifa labo phakathi koonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa athe umntu wathenga kubaLevi indlu ekuthengiswe ngayo, umzi wophuma elifeni lakhe ngomnyaka weNtlokoma; ngokuba izindlu zemizi yabaLevi zililifa labo phakathi koonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa kukho indlu ethengiswa ngumLevi edolophini yabo, ize ingakhululwa nguye kwakhona, kufuneka ibuyiselwe kumniniyo ngonyaka wobuyiselo; kaloku izindlu zabaLevi ezidolophini zabo zililifa labo.