Leviticus 25:45 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakanjako usapo lwamaṙanuka apambukeleyo kuni, kwa kulo niya kuwatenga, nakuzo izizalwane zalo ezipakati kwenu, ezo luzizeleyo elizweni lenu: wona oba yimfuyo kuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kanjalo koonyana babaziindwendwe kuni, abaphambukele kuni, nothenga kubo, nasemizalwaneni yabo ekuni, abayizalele ezweni lenu; babe lilifa kuni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nothenga koonyana bolunye uhlanga, abaphambukele phakathi kwenu, kubo, nakwimbewu yabo abaphakathi kwenu, abayizalele ezweni lenu; kwaye kuya kuba bubutyebi bakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ningabathenga abantu abaxhwarhe phakathi kwenu, ngokunjalo nabezizwe zasemzini abazalelwe kwilizwe lakowenu. Abanjalo ningabathenga,