Leviticus 25:46 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naniya kuwashiya abe lilifa kubantwana benu emva kwenu, ukuba bawabambe abe yimfuyo; wona niya kuwakonzisa kude kube ngunapakade; kodwa pezu kwabazalwana benu usapo luka‐Sirayeli, aniyi kupata ubukosi omnye pezu kwomnye ngobulukuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nobenza babe lilifa koonyana benu emva kwenu, ukuba babathabathe babe lilifa, nibakhonzise ngonaphakade. Ke bona abazalwana benu, oonyana bakaSirayeli, mabangaphathani ngokutyumzayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lithabathe libe lilifa koonyana benu emva kwenu, ukuba libe lilifa labo; baya kuba ngamakhoboka akho ngonaphakade; kodwa kubazalwana benu, oonyana bakaSirayeli, musani ukulawulana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
nibashiye babe lilifa labantwana benu, babe ngamakhoboka abo bonke ubomi babo. Kodwa amaSirayeli wona ningawaphathi gadalala.