Leviticus 25:49 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umhlaumbi uyisekazi wake, umhlaumbi unyana woyisekazi wake, uya kumkulula; umhlaumbi osisalamane senyama yake kwisizalwane sake uya kumkulula; umhlaumbi ukuba kuyenzeka kuye, angazikulula yena.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nokuba nguyisekazi, nokuba ngunyana kayisekazi, womkhulula ngentlawulelo; nokuba ngowenyama yenyama yakhe emizalwaneni yakhe, womkhulula ngentlawulelo; nokuba isandla sakhe sithe satyeba, wozikhulula ngokwakhe ngentlawulelo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uyisekazi okanye unyana kayisekazi angamkhulula, okanye nabani na ozalana naye angamkhulula; okanye ukuba unako, unokuzikhulula.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
okanye uyisekazi, okanye umzala wakhe, nasiphi na isihlobo sakhe. Ukanti naye xa athe waphinda wahluma angazikhulula.