Leviticus 25:50 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waeya kubalelana nalowo owamtengayo, kutabata emnyakeni wokutengiswa kwake kuye, kude kube ngumnyaka womgcobo: yoti imali yokutengiswa kwake ibe ngenani leminyaka; njengemihla yomqeshwa kwoba njalo kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wobalelana nowamthengayo, athabathele emnyakeni wokuthengiswa kwakhe kuye, ase emnyakeni wentlokoma, ithi imali yokuthengiswa kwakhe ime ngokwenani leminyaka abekuye, ngokwemihla yomqeshwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wohlala kwalowo wamthengayo, athabathele emnyakeni wathengisa ngaye kuye, kuse emnyakeni wentlokoma; malibe ngokwenani leminyaka lokukhululwa kwakhe, ngokwexesha lomsebenzi wemihla ngemihla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kufuneka adibane nalowo umthengileyo, baze babale iminyaka ukususela ekuzithengiseni kwakhe kude kube ngunyaka wobuyiselo, baze bagqibe ngexabiso elingangemali ehlawulwa umqeshwa yonke loo minyaka.