Leviticus 25:51 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba isemininzi ke iminyaka, kwa ngokwaleyo uya kubuyisa ixabiso lenkululwa yake, kulomali watengwa ngayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba isemininzi iminyaka, woyibuyisa kwimali yokuthengwa kwakhe, ibe ngangayo intlawulelo yokukhululwa kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba isemininzi iminyaka, woyihlawulela intlawulelo yokukhululwa kwakhe, ngemali leyo yokuthengwa ngayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuzikhulula kufuneka abuyise icandelo lexabiso awayethengwe ngalo lilingane neminyaka esaseleyo. Ukuba iminyaka eshiyekileyo ukuya kunyaka wobuyiselo mininzi, kufuneka intlawulelo inyuke, ize xa imbalwa ihle.