Leviticus 25:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Isabata yomhlaba yoba kukutya kuni; kwa kuwe, nakwisicaka sako, nakwisicakakazi sako, nakumqeshwa wako, nakwiṙanuka lako lakwabapambukele kuwe,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Isabatha yalo ilizwe yoba kukudla kuni, kuwe nakwisicaka sakho, nakwisicakakazi sakho, nakumqeshwa wakho, nakolundwendwe kuwe, nakophambukele kuwe,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye isabatha yehlabathi iya kuba kukudla kwenu; ngenxa yakho, nekhoboka lakho, nekhobokazana lakho, nangenxa yomsebenzi wemihla ngemihla, nangenxa yomphambukeli wakho ophambukele kuwe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nokuba anilimanga ngaloo nyaka, umhlaba wona wovelisa ukutya okwanele nina, namakhoboka enu, kunye nezicaka zenu, nabantu basemzini abaphakathi kwenu,