Leviticus 26:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ANIYI kuzenzela amadalo, nomfanekiso oqingqiweyo; aniyi kuzipakamisela isifanekiso esimiyo kanjalo; nelitye eliba̔liweyo aniyi kulimisa elizweni lenu, ukuba nitobe pantsi pambi kwalo: ngokuba mna ndi nguyehova, utixo wenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ize ningazenzeli izinto ezingeni, nomfanekiso oqingqiweyo, ningaziphakamiseli isimiso samatye, ningagxumeki ilitye elingumfanekiso ezweni lenu, ukuba niqubude kulo; ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uze ungazenzeli imifanekiso eqingqiweyo, nokuba ngumfanekiso oqingqiweyo, ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo; ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo wathi: “Ze ningazenzeli izinto nizinqule, ningaqingqi imifanekiso, okanye nimise iintsika zamatye, nikrole namatye, ze nijike nizinqule ezo zinto. Ndim uNdikhoyo uThixo wenu.