Leviticus 26:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Mna ndi nguyehova, utixo wenu, endinipumisileyo elizweni le‐Jipete, ukuze ningabi ngamakoboka kubo; ndandapule izibonda zeyokwe yenu, ndenza ukuba nihambe ngokupakama.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
NdinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuba ningabi ngamakhoboka awo; ndazaphula iidyokhwe zenu, ndanihambisa nathi nkqo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
NdinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuba ningabi ngamakhoboka awo; Ndazaphula iimbophelelo zedyokhwe yakho, ndakumisa wathi tye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndim mna Ndikhoyo uThixo wenu owanikhupha eJiputa ukuze ningabi ngamakhoboka ayo. Ndayaphula loo dyokhwe yobukhoboka, ndanenza abantu abaneqhayiya nebhongo.”