Leviticus 26:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nokuba niya kulahla imimiso yam, nokuba umpefumlo wenu uya kudela izigwebo zam, nize ningayenzi yonke imiyalelo yam, nide nilwapule ucebano lwam:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuba nithe nayicekisa imimiselo yam; ukuba uthe umphefumlo wenu wadimala ngamasiko am, ukuze ningayenzi imithetho yam yonke, nesuka nawaphula umnqophiso wam:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba nithe nayicekisa imiyalelo yam emiselweyo, okanye ukuba umphefumlo wenu uyawenyanya izigwebo zam, kangangokuba anayenza yonke imiyalelo yam, nasuka nawaphula umnqophiso wam;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
naxa nisala ukuthobela imimiselo nemithetho yam, niwutyeshela nomnqophiso endawenza nani,