Leviticus 26:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kanjalo nam ndiya kwenza oku kuni, okwokuba ndiya kubeka pezu kwenu isituso, nokungcungcuteka, necesine, ezonto eziya kugqibela amehlo, ziwucubukise nompefumlo; nembewu yenu nofumana niyihlwayele, ngokuba ziya kuyidla intshaba zenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nam ndiya kwenza oku kuni: ndiya kunivelela ngento ekhwankqisayo, ngesifo sephepha, nangecesina ephelisa amehlo, eyethisa umphefumlo; nifumane nihlwayele imbewu yenu, idliwe ziintshaba zenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nam ndiya kwenjenjalo nakuni; ndibeke phezu kwenu unkwantyo, nokufa, nezitshixo ezidla amehlo, ezibangele ubutya bentliziyo; yaye niya kuyihlwayelela ilize imbewu yenu, ngenxa yokuba ziya kuyidla iintshaba zenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ndiya kunohlwaya. Ndonihlisela izibetho: izifo ezinganyangekiyo, nemikhuhlane eya kunitsho nityhaphake, ingcungcuthekise ubomi benu. Ewe, niya kulima, kodwa kungancedi nto, kuba utshaba luya kunifikela, lunichitha-chithe, lusidle isivuno eso.