Leviticus 26:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kutuma pakati kwenu izilo zasendle, eziya kunihluta abantwana benu, zibubise nenkomo zenu, zenze nina nibe bancinane; zaye indlela zenu ziya kweneka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndinithumele amarhamncwa, awonihlutha abantwana benu, aqwenge neenkomo zenu, anenze nibe mbalwa, neendlela zenu zingahanjwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ndinithumele amarhamncwa elizwe, abathabathe abantwana benu, aqwenge neenkomo zenu, alinciphise inani lenu; neendlela zenu ziya kuba yintlango.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndofaka amarhamncwa phakathi kwenu; aya kuqwenga abantwana benu, atshabalalise nemfuyo yenu, awathobe amanani enu, kutsho kungabikho mhambi ubonwa ehamb' indlela.