Leviticus 26:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oko ilizwe liya kwenzelela isabata zalo, yonke imihla yokucitakala kwalo, neyokubako kwenu ezweni lentshaba zenu; kwa oko liya kupumla ilizwe, lenzelele isabata zalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Liya kwandula ukwaneliswa ziisabatha zalo ilizwe, yonke imihla ekusenkangala ngayo, nina ke nisezweni leentshaba zenu.Liya kwandula ukuphumla ilizwe, laneliswe ziisabatha zalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Liya kwandula ke ilizwe lanelise iisabatha zalo ngemihla yokusenkangala kwalo, nina ke nisezweni leentshaba zenu; ke ilizwe liya kuphumla, laneliswe ziisabatha zalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuya kuthi ke emva koko kubekho kwelo zwe iminyaka yokuphumza umhlaba obe ungasaphunyuzwa. Kaloku uya kushiyeka uxhamle iminyaka yokuphumla, lo gama nina nithe saa kwamanye amazwe.