Leviticus 26:44 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa noko kunjalo, bakuba besemazweni entshaba zabo, andiyi kubalahla, andiyi kubadela kanjalo, ukuba ndibagqibele, no kuba ndilwapule ucebano lwam kunye nabo: ngokuba ndi nguyehova mna, utixo wabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kanti ke noko kude kwanjalo, baba sezweni leentshaba zabo, andibacekisele; andidimele ngabo ukuba ndibagqibe, ndaphule umnqophiso wam nabo; kuba ndinguYehova, uThixo wabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Noko ke, ukuba basezweni leentshaba zabo, andiyi kubashiya, andiyi kubathiya, ndibavele ngesiqalekiso, ndaphule umnqophiso wam nabo; ngokuba ndinguYehova, uThixo wabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti ke nangoku beselizweni leentshaba zabo, andiyi kubancama okanye ndikruquke ngabo kangangokuba ndibatshabalalise kuphele. Loo nto ingawuphelisa kaloku umnqophiso wam kubo; ibe ke ndim uNdikhoyo uThixo wabo.