Leviticus 26:45 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ndobakumbulela ucebano lwomakulu babo, endapumisa bona elizweni le‐Jipete emehlweni abaheyideni, ukuze ndibe ngutixo wabo: mna ndi nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndonikhumbulela umnqophiso wam namanyange endiwakhuphe ezweni laseYiputa phambi kweentlanga, ukuba ndibe nguThixo kubo; ndinguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ngenxa yabo ndiya kuwukhumbula umnqophiso wookhokho babo endawukhuphayo ezweni laseYiputa phambi kwamehlo eentlanga, ukuba ndibe nguThixo wabo: ndinguYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ndowuhlaziya umnqophiso endawenzayo kookhokho babo, xa ndandibonisa iintlanga zonke amandla am ngokukhupha abantu bam eJiputa, ndisenzela ukuba mna Ndikhoyo ndibe nguThixo wabo.”