Leviticus 26:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
liti ixesha lokubula lifikele ukuvunwa kwedreyive, nokuvunwa kwedreyive kufikele ixesha lokuhlwayela; naniya kudla ukutya kwenu kude kuhlutwe, nihlale ngokunqaba elizweni lenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nento eniyibhulileyo ifikele ekuvunweni kweediliya, ukuvunwa kweediliya kufikelele ekuhlwayeleni, nidle isonka senu, nihluthe, nihlale ezweni lenu nikholosile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukubhula kwenu kuya kufika ekuvuneni, ukuvuna kuya kufika ngexesha lokuhlwayela; yaye uya kudla isonka sakho uze waneliseke entliziyweni yakho, uhlale ukhuselekile ezweni lakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngexesha enivuna iidiliya niya kuba nisabhula ingqolowa, kwaye iidiliya niya kuzivuna kude kufike ixesha lokuhlwayela ingqolowa kwakhona. Niya kutya nihluthe, nihlale ngokonwaba elizweni lenu.