Leviticus 26:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo ndonika uxolo elizweni, nize, niti tyambalala, kungeko oya kunitusa: ndandiya kupelisa amaṙamncwa elizweni; kanjalo iṙele aliyi kudlula elizweni lenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndoninika uxolo ezweni elo, nilale; kungabikho bani unigubhisayo, ndilisuse irhamncwa ezweni elo, ikrele lingahambi ezweni lenu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kulinika uxolo ilizwe, ulale, kungabikho bani uningcangcazelisayo; Ndowatshabalalisa amarhamncwa ezweni, akusayi kucanda nentshuntshe ezweni lakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndiya kuzisa uxolo elizweni lenu, nilale ubuthongo obumnandi ningaxhalelanga bani. Amarhamncwa ndowaphelisa kwilizwe lenu, yaye akuyi kube kubekho mfazwe.