Leviticus 27:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akayi kusiguqula, akayi kusanana kanjalo, esilungileyo ngesibi, umhlaumbi esibi ngesilungileyo; kodwa ukuba uka asanane isilo ngesilo noko, kwa sona neso kwananwa ngaso zoba ngcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ize ingaguqulwa, ize ingananwa, elungileyo ngembi, embi ngelungileyo; ukuba uthe wanana ukwanana oku inkomo ngenkomo, mayibe ngcwele yona, kwanaleyo kwananwe ngayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ize ingatshintshi, ize ingananwa, elungileyo ngembi, embi ngelungileyo; ukuba uthe wanana ukunanisa inkomo ngenkomo, mayibe ngcwele yena kwanaleyo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
yaye ke loo mntu wenze isifungo akanako ukunikela ngenye into exhelwayo endaweni yaleyo, nokuba yelungileyo endaweni yengalunganga, okanye engalunganga endaweni yelungileyo. Xa athe wayenza loo nto, ziya kuba zezikaNdikhoyo zombini ke ezo zinto.