Leviticus 27:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni umntu aya kungcwalisa indlu ibe ngcwele kuyehova, woti umperisite ayilinganise, ukuba ilungile, ukuba imbi kusinina: njengokuba eyilinganisa umperisite, iya kuma njalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa athe umntu wayingcwalisa indlu yakhe ukuba ibe ngcwele kuYehova, umbingeleli makayilinganisele, abethe phakathi kwelungileyo nembi njengoko umbingeleli ayilinganiseleyo, yoqiniseka ngokunjalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa athe umntu wayingcwalisa indlu yakhe ukuba ibe ngcwele kuYehova, umbingeleli uya kugweba phakathi kwelungileyo nembi; njengoko walinganisa ngako umbingeleli, yoqiniseka ngokunjalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa kukho umntu onikela ngendlu yakhe kuNdikhoyo umbingeleli uya kuyixabisa ngokulunga nokungalungi kwayo. Elo xabiso aliyi kujikwa mntu.