Leviticus 27:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba uyangcwalisa intsimi yake emveni kwomnyaka womgcobo, makati umperisite ambalele imali njengeminyaka esaseleyo, kwa kude kube ngumnyaka womgcobo, ize isuswe kweyokulinganisa kwako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba uthe wayingcwalisa intsimi yakhe emva kowentlokoma, umbingeleli makambalele imali ngokweminyaka esaseleyo, kuse emnyakeni wentlokoma, iphungulwe kweyokulinganisela kwakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ukuba uthe wangcwalisa inxalenye yelizwe lakhe emva konyaka weNtlokoma, umbingeleli makayibale imali yakhe ngokweminyaka eseleyo kude kube ngumnyaka weNtlokoma, iphungulwe kumlinganiso wenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa ewunikela emva koko ngumbingeleli oya kubala ixabiso lemali emayihlawulwe ngangeminyaka eseleyo ukuya kunyaka wobuyiselo ozayo, aze amise ixabiso elithotyiweyo.