Leviticus 27:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko intsimi leyo, yakupuma ngomnyaka womgcobo, iya kuba ngcwele kuyehova, njengentsimi eyahlukanisiweyo; yoba yeyomperisite imfuyo yayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Loo ntsimi yoba ngcwele kuYehova, ekuphumeni kwayo kuloo mntu ngomnyaka wentlokoma, njengentsimi eyahlulelwe ukuba ibe lilifa lombingeleli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa intsimi leyo ehlwayelweyo, ukuba ithe yaphuma ngomnyaka weNtlokoma, yoba ngcwele kuYehova, njengentsimi; ubutyebi bayo boba bombingeleli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngonyaka wobuyiselo loo mhlaba uya kuba ngokaNdikhoyo, ube lilifa lababingeleli.