Leviticus 27:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa into esukuba yahlukanisiwe, aya kuti umntu ayahlukanisele uyehova kuko konke anako, kubantu nakwizilo, nakwintsimi yemfuyo yake, ayisayi kutengiswa, ayisayi kukululwa kanjako: zonke izinto ezahlukanisiweyo, zizinto ezingcwelekazi kuyehova zona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa yonke into esingelwe phantsi, asukuba umntu eyisingela kuYehova entweni yonke anayo, nokuba ngumntu, nokuba yinto ezizitho zine, nokuba yintsimi yelifa lakhe, makungathengiswa ngayo, mayingakhululwa nangentlawulelo. Yonke into esingelwe phantsi yingcwele kangcwele kuYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Noko ke, nakuphi na ubutyebi asukuba umntu esondeza kuYehova, ezintweni zonke anazo, nokuba ngumntu, nokuba yinto ezizitho zine, nokuba yintsimi yendyebo yakhe, makungathengiswa ngayo, mayingakhululwa nangentlawulelo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Akukho bani unokuthengisa okanye unokukhulula into eyahlulelwe uNdikhoyo ngokupheleleyo. Nditsho nokuba loo nto ngumntu, nokuba yinto efuywayo, nokuba ngumhlaba. Loo nto yekaNdikhoyo qwaba.