Leviticus 27:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akayi kugqalela ukuba ilungile, ukuba imbi kusinina, akayi kuyanana kanjalo: kodwa ukuba woka ayanane noko, kwa yona naleyo kwananwa ngayo zoba ngcwele; ayisayi kukululwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Makangagocagoci phakathi kwelungileyo nembi, angayanani;ukuba uthe wayanana ukuyanana oku, mayibe ngcwele yona, naleyo kwananwe ngayo mayingakhululwa ngentlawulelo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ize angaqiniseki ukuba phakathi kwelungileyo nembi, angayanani; ayinakukhululwa ngentlawulelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umnini-mfuyo makangakhethi phakathi kwelungileyo nengalunganga imfuyo, okanye angatshintshisi. Xa enze loo nto ezo zinto zombini ziya kuba zezikaNdikhoyo; azinakube zikhululwe kuye.”