Leviticus 27:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nokuba ngominyaka mihlanu, kude kube ngominyaka imashumi mabini, makuti ukulinganisa kwako indoda kube zishekele ezimashumi mabini, nangenxa yenkazana makube zishekele ezilishumi linye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba kuthabathele kumntwana ominyaka mihlanu, kwesa kumntwana ominyaka imashumi mabini, ukulinganisela kwakho oyindoda makube ziishekele ezimashumi mabini; oyinkazana, makube ziishekele ezishumi-nye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba kuthabathele kumntwana ominyaka mihlanu, kuse kominyaka imashumi mabini, ixabiso lakho loyindoda libe ziishekele ezimashumi mabini, noyinkazana, makube ziishekele ezilishumi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenkwenkwe eminyaka mihlanu kude kuye kumashumi amabini kukhutshwa amashumi amabini eengqekembe zesiliva. Ngentombazana lishumi leengqekembe elikhutshwayo.