Leviticus 27:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba ungohlwempuzileyo ngapantsi kwokulinganisa kwako, makazimise pambi kwomperisite, aze umperisite amlinganise: ngokwamandla ake obambisileyo umperisite uya kumlinganisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba uthe wanzonza kunokulinganisela kwakho, makamiswe phambi kombingeleli, umbingeleli amlinganisele; ngento esinokuyifumana isandla salowo ubhambathisileyo, umbingeleli amlinganisele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ukuba uthe wanzonza kunawe, makabonakale phambi kombingeleli, umbingeleli amlinganisele; umbingeleli amlinganise ngokwamandla akhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke xa loo mntu ubenze isifungo engenako ukukhupha ngokomlinganiselo ovunyiweyo, kufuneka eze naloo mntu kumbingeleli, aze ke umbingeleli alithobe ixabiso libe ngangamandla aloo mntu kufuneka ehlawule.