Leviticus 3:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KANJAKO ukuba ngumbingo woxolo umnikelo wake: ukuba uyanikela ngenkomo, nokuba yinkunzi, nokuba yimazi, woyinikela emsulwa ebusweni bukayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba umsondezo wakhe ungumbingelelo woxolo: ukuba uwusondeza ungowasezinkomeni, nokuba yeliduna, nokuba yelithokazi, wolisondeza ligqibelele phambi koYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba umsondezo wakhe ungumnikelo wombulelo, makawusondeze ube ngumnikelo wenkomo; nokuba uyindoda nokuba yinkazana, woyisondeza igqibelele phambi koYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa kukho umntu onikela ngenkomo ukuba kwenziwe ngayo idini lobudlelane, loo nkomo mayibe yinkunzi okanye imazi engenasiphako.