Leviticus 4:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba kanjalo yonke intlanganiso yo‐Sirayeli iya kuposisa, ize ifihlwe indawo emehlweni omhlambi, nxa benzile into ngakw omnye kuyo yonke imiyalelo kayehova, ngezinto ezinga zingenziwa, bada banetyala;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba lonke ibandla lakwaSirayeli lithe lalahleka, yafihlakala loo nto emehlweni esikhungu, benza into kumthetho kaYehova nokuba nguwuphi na, wento engeyakwenziwa, bazeka ityala,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba lonke ibandla lakwaSirayeli lithe wona ngabom, yaza loo nto ifihlakele emehlweni ebandla, laza lenza into enxamnye nomnye wemiyalelo kaYehova engenziwa, ibe lityala;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa kone ibandla lakwaSirayeli liphela, lize ke libe netyala lokwaphula ummiselo kaNdikhoyo lingaqondanga,