Leviticus 4:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nalo lonke inqata lalo wolitshisa pezu kwesibingelo, njengalo inqata lombingo woxolo; woti umperisite amenzele uxoliso ngenxa yesono sake, size simxolelwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
aqhumisele ngamanqatha alo onke esibingelelweni, njengamanqatha ombingelelo woxolo, umbingeleli asicamagushele ngesono saso; soxolelwa ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Amanqatha alo wowaqhumisela esibingelelweni, njengamanqatha ombingelelo wombulelo; aze umbingeleli amcamagushele ngenxa yesono sakhe, aze axolelwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
aze awatshisele apho eqongeni onke amanqatha, kanye njengoko esenza ngawamadini obudlelane. Wokwenjenjalo ke umbingeleli ukunikela idini lokucamagushela umntu oyinkokheli, aze axolelwe isono sakhe.