Leviticus 4:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngati umhlaumbi kuyaziswa kuye isono sake onileyo ngaso; uya kwandula azisele umnikelo wake itakane lebokwe, liyimazi emsulwa, ngenxa yesono sake onileyo ngaso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuba sithe satyhilwa kuye isono sakhe one ngaso: wozisa umsondezo wakhe, ixhonti elilithokazi lebhokhwe, eligqibeleleyo, ngenxa yesono sakhe one ngaso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Okanye ukuba sithe saziwa isono sakhe esenzileyo, wosondeza umbingelelo wakhe wetakane lebhokhwe, ithokazi eligqibeleleyo, ngenxa yesono sakhe osenzileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kuya kuthi nje ukuba asiqonde isono sakhe, kufuneke eze nemazi yebhokhwe engenasiphako, ukuze angxengxezele isono sakhe.