Leviticus 4:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuba umperisite otanjisiweyo uya kwona libe lityala labantu, makanikele ngenxa yesono sake onileyo ngaso, inkunzana elitole lenkomo emsulwa kuyehova, ibe lidini lesono.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuba umbingeleli othanjisiweyo uthe wona, bazeka ityala abantu: wosondeza kuYehova ngenxa yesono sakhe one ngaso inkunzi entsha, ithole lenkomo eligqibeleleyo, libe lidini lesono.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba umbingeleli othanjisiweyo uthe wenza isono ngokwesono sabantu; wozisa inkunzi yenkomo egqibeleleyo kuYehova ibe ngumnikelo wesono ngenxa yesono osenzileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa ingumbingeleli othanjisiweyo lowo wenze isono, aze ngokwenjenjalo azisele abantu ityala, yena uya kunikela ngethole lenkunzi yenkomo elingenasiphako, enze ngalo idini lokungxengxezela isono sakhe kuNdikhoyo.