Leviticus 4:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako lonke inqata lalo wolisusa, njengokuba inqata lisuswa kuwo umbingo woxolo; waye umperisite eya kulitshisa pezu kwesibingelo, libe livumba elimnandi kuyehova: woti umperisite amenzele uxoliso, aze axolelwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wowasusa onke amanqatha alo, njengoko asuswayo amanqatha ombingelelo woxolo, aqhumisele ngawo umbingeleli esibingelelweni, libe livumba elithozamisayo kuYehova;umbingeleli amcamagushele; woxolelwa ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wowasusa onke amanqatha kulo, njengoko asuswayo amanqatha ombingelelo wombulelo; Woqhumisela ngezo nto umbingeleli esibingelelweni, libe livumba elithozamisayo kuYehova; aze umbingeleli amcamagushele, aze axolelwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
andule ke athathe onke amanqatha, kanye ngalaa ndlela enza ngayo kumadini obudlelane, aze awatshise apho eqongeni, abe livumba elimnandi kuNdikhoyo. Wenjenjalo ke umbingeleli ukwenzela umntu idini, aze axolelwe izono zakhe.