Leviticus 4:35 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako lonke inqata lalo wolisusa, njengokuba inqata lemvana lisuswa kuwo umbingo woxolo; waye umperisite eya kutshisa amanqata lawo esibingelweni, pezu kweminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova: woti umperisite amenzele uxoliso ngenxa yesono sake onileyo ngaso, size simxolelwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Maze awasuse onke amanqatha alo, njengoko asuswayo amanqatha emvana kumbingelelo woxolo, aqhumisele ngawo umbingeleli esibingelelweni, phezu kokudla kwasemlilweni kukaYehova, umbingeleli amcamagushele ngesono sakhe one ngaso;woxolelwa ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wowasusa onke amanqatha kulo, njengoko asuswayo amanqatha emvana yombingelelo wombulelo; Woqhumisela ngezo nto umbingeleli esibingelelweni, phezu kokudla kwasemlilweni kukaYehova; aze umbingeleli asicamagushele isono sakhe osenzileyo, aze axolelwe ke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
andule athathe onke amanqatha, kanye njengoko esenza kumadini obudlelane, aze awatshise apho eqongeni kunye nokutya okunikelwa kuNdikhoyo ngomlilo. Wenjenjalo ke umbingeleli xa esenzela umntu idini, khon' ukuze loo mntu axolelwe izono zakhe.