Leviticus 5:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba isandla sake asinakufikela amahobe amabini, umhlaumbi amatole ezuba amabini, makazisele umnikelo wake, lowo owonileyo, eseshumi isiqingata seyefa yomgubo ocolekileyo ube lidini lesono; akayi kubeka pezu kwawo ioli, akayi kubeka pezu kwawo intlakamhlope kanjalo: ngokuba wona ulidini lesono.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba ke isandla sakhe sithe asaba nakuwafumana amahobe amabini, nokuba ngamagobo evukuthu amabini, wozisa umsondezo wakhe lowo wonileyo, ube sisahlulo seshumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ube lidini lesono, angabeki oli phezu kwawo, angabeki ntlaka imhlophe phezu kwawo; kuba lidini lesono elo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ke isandla sakhe sithe asaba nakuwafumana amavukuthu amabini, nokuba ngamavukuthu, wozisa umsondezo wakhe lowo wonileyo, ube sisahlulo seshumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ube lidini lesono; angagaleli oli phezu kwawo, angayibeki isiqhumiso phezu kwawo, kuba lidini lesono elo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba loo mntu akanako ukunikela nangamahobe amabini, okanye amavukuthu, wozisa ikhilogram yomgubo wengqolowa, enze ngawo umnikelo. Akayi kugalela mafutha omnquma nantlaka yesiqhumiso kuwo, kuba asingomnikelo wakutya lo, koko eli lidini lokucamagushela isono.