Leviticus 5:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa agqita umntu ngesigqito, one nokwona ngesiposo, kwezingcwele izinto zikayehova; uya kwandula azisele ityala lake kuyehova inkunzi yegusha emsulwa ivela emhlambini, ngokulinganisa kwako neshekele zesilivere, ezingangeshekele yeyingcwele indawo, ibe lidini letyala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa ubani athe wameneza, wona ezintweni ezingcwele zikaYehova ngokulahleka, wozisa idini letyala lakhe kuYehova, inkunzi yemvu egqibeleleyo yasempahleni emfutshane, iyeyeeshekele zesilivere ngokweshekele yengcwele ngokulinganisela kwakho, ibe lidini letyala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba umphefumlo uthe wona, ngongazi, ezintweni ezingcwele zikaYehova; Wozisa idini letyala kuYehova, inkunzi yemvu egqibeleleyo yasempahleni emfutshane, ngokwexabiso lakho ngeeshekele zesilivere, ngokweshekele yengcwele, ibe lidini letyala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa umntu one engaqondanga ngokutyeshela iimfanelo zikaNdikhoyo, loo mntu makathathe emhlambini wakhe inkunzi yegusha engenasiphako, okanye eyebhokhwe, eze nayo kuNdikhoyo, ibe yintlawulelo. Ixabiso layo loba ngangomlinganiselo ovunyiweyo wesiliva.