Leviticus 5:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni umntu afungayo, enxama ukuteta ngomlomo ukuba enze okubi, umhlaumbi ukuba enze okulungileyo, noko kuyinto enjanina umntu uya kunxama ukuyiteta ngesifungo, kuze kumfihlelwe; woti akukwazi, abe netyala ngenye yezi zinto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa ke ubani athe wafunga, waphololoza ngomlomo wakhe, esithi, uya kwenza into, nokuba imbi, nokuba ilungile, ezintweni zonke athe waziphololoza umntu ngesifungo, engakwazi oko, waza wabuya wakwazi oko: uzeke ityala nangayiphi kwezo nto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Okanye xa athe umntu wafunga waza wathetha ngomlomo wakhe, esenza okubi okanye okulungileyo, into athe wafunga ngayo umntu ngesifungo, yaza loo nto ifihlakele kuye; ukuba uyazi, woba netyala kwenye yazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa umntu efumana afunge engacinganga, nokuba ufungela nantoni na, unetyala nokuba akaqondi.