Leviticus 5:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba isandla sake asinakufikela okwanele inkomo encinane, makazisele ityala lake, onileyo ngalo, amahobe abe mabini, umhlaumbi amatole ezuba abe mabini, kuyehova; elinye libe leledini lesono, elinye libe leledini lokutshiswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba ke isandla sakhe sithe asaba nakuyifumana into elingana netakane, wozisa kuYehova idini letyala lakhe one ngalo, amahobe amabini, nokuba ngamagobo evukuthu abe mabini, elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba isandla sakhe sithe asaba nakuzizisa imvana, wozisa amahobe abe mabini, nokuba ngamahobe amabini kuYehova, ngetyala lakhe elonileyo; elinye libe leledini lesono, elinye libe leledini elinyukayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba loo mntu akanako ukunikela ngegusha okanye ibhokhwe, wozisa amahobe amabini kuNdikhoyo, nokuba ngamavukuthu, enze intlawulelo yesono sakhe ngawo. Elinye loba ngumnikelo wokucamagushela isono, elinye libe leledini elitshiswayo.