Leviticus 6:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nokuseleyo kuwo baya kukudla u‐Arone nonyana bake: kwotyiwa kungenagwele endaweni eyingcwele; ebaleni lentente yentlangano baya kukudla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Okuse leyo kuwo kodliwa nguAron noonyana bakhe, kudliwe kungenagwele endaweni engcwele, bakudle entendelezweni yentente yokuhlangana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Okuseleyo kuwo kodliwa nguAron noonyana bakhe; yodliwa izonka ezingenagwele endaweni engcwele; bawadlela entendelezweni yentente yokuhlangana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Okuseleyo koba kokwababingeleli. Makwenziwe isonka sentlama engenagwele, sityelwe endaweni ekhethekileyo apho enkundleni *yesibingelelo. Le yinxaxheba uNdikhoyo ayinika ababingeleli kwiminikelo yokutya. Yinxaxheba eyodwa engcwele, efana kanye naleya yamadini okungxengxezela izono neminikelo yentlawulo.