Leviticus 6:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Konke okubudoda pakati kwabantwana baka‐Arone kuya kukutya. Ngummiselwa ongunapakade ezizukulwaneni zenu ngayo iminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova: konke okuyicukumisayo kwoba kungcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yonke into eyindoda phakathi koonyana baka-Aron yowudla.Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu wasekudleni kwasemlilweni kukaYehova: bonke abasukuba bezichukumisa ezo nto boba ngcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yonke into eyindoda phakathi koonyana baka-Aron yowudla. Yoba ngumthetho ongunaphakade ezizukulwaneni zenu ngokuphathelele iminikelo yasemlilweni kaYehova; bonke abayichukumisayo boba ngcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iya kutyiwa ngamadoda omlibo ka-Aron njengesabelo sawo sokutya okunikelwa kuNdikhoyo. Omnye umntu ochukumise oku kutya kungumnikelo woba nophawu lukaNdikhoyo, abe semngciphekweni.