Leviticus 6:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba umntu uyona, agqite ngesigqito ngakuye uyehova, amxokise ummelwane wake ngento enikelwe ekugcineni kwake, umhlaumbi ngento ebekelwe kuye, umhlaumbi ngento epangiweyo; ati umhlaumbi amlumkise ummelwane wake,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa ubani athe wona ngokumeneza, emeneza kuYehova, wayikhanyela kummelwane wakhe into ebibekwe kuye, nokuba yinto esisibambiso, nokuba yinto exhakamfulweyo, nokuba umcudisile ummelwane wakhe,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa athe umntu wona, wona kuYehova, wamlukuhla ummelwane wakhe ngento oyinikiweyo, ngelizwi, ngento ebuxhakasileyo, nokuba wamlukuhla ummelwane wakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa umntu one uNdikhoyo ngokwala ukubuyisela into ebekubanjiswe ngayo kuye ngomnye umSirayeli, okanye xa ebe into yomnye umSirayeli, okanye amqhathe,