Leviticus 6:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Konke okuyicukumisayo inyama yalo kwoba kungcwele: naxeshekweni kufefiwe ngegazi lalo pezu kwesivato, lonto kwafefwa pezu kwayo woyihlanza endaweni eyingcwele:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abasukuba bechukumisa inyama yalo boba ngcwele;nabasukuba bechaphazela iingubo ngegazi lalo, boyihlamba loo nto ichatshazelweyo endaweni engcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yonke into esukuba iyichukumisa inyama yayo yoba ngcwele; yaye ukuba elinye igazi lafefa kwisambatho ngasinye, liya kuhlanjwa kweso sifefweyo ekupheleni kokholo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nantoni na echukumise oku kutya yoba nophawu lukaNdikhoyo. Xa isinxibo sitshizwe ligazi laloo nto ixheliweyo, kufuneka sihlanjelwe endaweni ekhethekileyo.