Leviticus 6:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa into yodongwe lipekiwe kuyo iya kuqekezwa; ukuba kanti lipekiwe entweni yexina, iya kuhlanjululwa yona, iyalazwe ngamanzi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke yona impahla yodongwe eliphekwe ngayo mayiqhekezwe;ukuba lithe laphekwa ngempahla yobhedu, yoguxwa, ixukuxwe ngamanzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke yona imbiza yodongwe ebigalelwe kulo, iya kwaphuka; yaye ukuba igalelwe ngembiza yobhedu, yoshenxiswa ize ihlanjwe ngamanzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Imbiza yodongwe ekuphekwe loo nyama ngayo, kufuneka iqhekezwe; xa iyimbiza yesinyithi kufuneka ikrwelwe, ihlanjwe ngamanzi.