Leviticus 6:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
umhlaumbi afumane into elahlekileyo, aze axoke ngayo, afunge ngobuxoki; kwenye yezizinto zonke azenzayo umntu, esona ngazo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nokuba ufumene into ebidukile wayikhanyela, wafunga ubuxoki ezintweni zonke azenzileyo, esona ngazo:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
bathi, bakuyifumana ebilahlekile, baxoka, bafunga ubuxoki kuyo; kuzo zonke ezo zinto umntu wona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
okanye axoke athi akayiboni into yomnye ekuye, ade athi akayazi, atsho efunga, okanye enze nasiphi na esinye isono esifana nezi, kufuneka kwenziwe idini lokungxengxezela elo tyala.