Leviticus 6:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kwoti ke, ngokuba onile, enetyala nje, wobuyisa lonto epangiweyo owayipangayo, umhlaumbi lonzuzo ingalungileyo walumkisa ngayo, umhlaumbi lonto yokugcinelwa ebinikelwa ekugcineni kwake, umhlaumbi lonto ilahlekileyo owayifumanayo,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wothi, xa athe wona, wazeka ityala, ayibuyise loo nto ixhakamfulweyo, abeyixhakamfule, nento ecudisiweyo, abeyicudisile, nento ebekiweyo, ebibekiwe kuye, nento ebidukile wayifumana,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, ekubeni enze isono, enetyala, makayibuyise into abeyithabathile ngokunyanzelwa, naleyo ayizuzileyo ngobuqhophololo, nento abeyinikiwe ukuba ayigcine, nento ayifumeneyo ilahlekile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa enze isono esilolo hlobo, kufuneka ayibuyise into ayibileyo, okanye ayifumene ngobuqhetseba, okanye abeyigcinisiwe nayicholeyo,