Leviticus 6:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
umhlaumbi enye into kuko konke asukuba efungile pezu kwako ngobuxoki; wobuyekezela yona ngenani layo, nesesihlanu isiqingata salo wosongeza pezu kwalo; kulowo into iyeyake woyinika ngomhla wetyala lake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nento yonke abeyifungele ubuxoki. Woyibuyekeza ngangenani layo, ongeze phezu kwalo isahlulo sesihlanu salo, ayinike osukuba engumniniyo ngomhla wedini lakhe letyala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Okanye zonke izifungo zakhe zobuxoki; yibuyisele etyaleni elikhulu, nesahlulo sesihlanu sayo kuko oko, umnike imfanelo yakhe ngomhla wedini lakhe letyala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
nantoni na leyo athe akayazi exoka kufuneka ayivuse, ongeze nomdliwo osisinye esihlanwini, kanye ngalaa mhla eze kunikela ngawo idini lesono.