Leviticus 6:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yalela u‐Arone nonyana bake, ngokuti: Nguwo lo umteto wedini lokutshiswa: lidini lokutshiswa lona, ngenxa yokuvuta pezu kwesibingelo bonke ubusuku kude kuse, ngokuba umlilo wesibingelo uya kuhlala uvuta kuso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wisela uAron noonyana bakhe umthetho, uthi, Nguwo lo umyalelo wedini elinyukayo: lona idini elinyukayo lotsha eziko phezu kwesibingelelo ubusuku bonke kude kuse, nomlilo wesibingelelo uhlale usitsha kulo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wisela uAron noonyana bakhe umthetho, uthi, Nguwo lo umyalelo wedini elinyukayo: Lilo elo idini elinyukayo lomlilo ophezu kwesibingelelo ubusuku bonke kude kuse, nomlilo wesibingelelo uhlale usitsha phezu kwalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
makagqithisele le miyalelo kuAron noonyana bakhe: Idini elitshiswayo kufuneka litshiswe eqongeni ubusuku bonke, umlilo usoloko ukhwezelwa.